Alikho Igama
Kholeka
3:59Ndiyakholwa kuThixo uYise onamandla onke Umdali wezulu nomhlaba NakuYesu Kristu uNyana wakhe emnye INkosi yethu Owakhawula ngoMoya oyiNgcwele Wazalwa yintombi uMariya Weva ubunzima phantsi koPontiyusi Pilati Wabethelelw'emnqamlezweni Wafa wangcwatywa Wehlela eHadesi Uthe ngomhla wesithathu wabuya Wavuka ekufeni Wenyuka waya eZulwini Apho ahleli khona ngasekunene KoThixo uYise onamandla onke Woda avele khona aze kugweba abahleliyo Nabafileyo Ndiyakholwa kuMoya oyiNgcwele NakwiRhament'engcwele Kulo lonke ilizwe Nab'ubudlelwane babangcwele Nakukuxolelwa kwezono Nak'ukuvuka komzimba ekufeni Nab'ubomi obungunaphakade, Amen